XH/Prabhupada 0001 - Expand to Ten Million



Lecture on CC Adi-lila 1.13 -- Mayapur, April 6, 1975

Prabhupada: UCaitanya Mahaprabhu uthi kuzo zonke ii-atshariya.... uNityananda Prabhu, uAdvaita Prabhu no Śrīvāsādi-gaura-bhakta-vṛnda, bonke ngabaphathi bemiyalelo ka Śrī Caitanya Mahāprabhu. Ngoko ke zama ukuyilandela le nkqubo ye atshariya. Ubomi buzotsho buphumelele. Ukuba yi-atshariya akukhonzima. Kuqala, zama ukubangumlandeli we atshariya yakho, zama ukulandela kabukhali konke akuxelelayo. Zama umonwabisa ngokusasaza ulwazi ngoKrishna (iKrishna Consciousness) Yenza oko kuphela. Akukho nzima tuu. Zama ukulandela imiyalelo yomkhokheli wezomoya wakho (Guru Mahārāja) usasaze iKrishna Khonshiyasinesi. Ngumyalelo weNkosi uCaitanya lowo.

āmāra ajñāya guru hañā tāra' ei deśa
yāre dekha tāre kaha 'kṛṣṇa'-upadeśa
(CC Madhya 7.128)

"Ngokulandela imiyalelo Yam, uba ngukhokheli kwezomoya"(utsho uCaitanya) Ukuba siyilandela kabukhali le nkqubo ye-atshariya sizama-zame ukusasaza imiyalelo ka Krishna. Yāre dekha tāre kaha 'kṛṣṇa'-upadeśa (CC Madhya 7.128). Kunenhlobo ezimbini ze Krishna-uphadesha. Uphadesha yimiyalelo. Imiyalelo enikezwa nguKrishna, nalonto yi- 'kṛṣṇa'-upadeśa, nemiyalelo efunyeniweyo ngaye uKrishna, nayo yi-'kṛṣṇa'-upadeśa. Kṛṣṇasya upadeśa iti kṛṣṇa upadeśa. Samāsa, śāsti-tat-puruṣa-samāsa. Futhi Kṛṣṇa viṣayā upadeśa, nayo yi- Kṛṣṇa upadeśa. Bāhu-vrīhi-samāsa. Yindlela le yokucaphula uhlelo nge-Sanskrit. Ngoko i-uphadesha kaKrishna yi-Bhagavad-gītā. Yimiyalelo ngqo yakhe. Ngoko umntu osasaza iKrishna-uphadesha, uphinda okuthethiweyo nguKrishna, atsho yena abe yi-atshariya. Akukho nzima. Konke kubhaliwe pha. Kufuneke nje thina siyiphinde le ntetho okwe pharothi. Hayi okwe pharothi ngqo. Ipharothi ayiyiva intsingiselo ncam, iyaninkina kuphela. Kodwa kufuneke uyiqonde instingiselo nayo; okanye uzokwazi ukuyichaza njani wena? Ngoko ke sifuna ukuyisasaza iKrishna Khonshiyusinesi. Zilungiselele qha wena ukuphinda imiyalelo kaKrishna ngokuvakalayo, ungaphazami. Exesheni.... Cinga ukuba ngoku unamawaka alishumi. Sizowandisa ngamawaka ayinkulu. Lonto iyafuneka. Enyuselwe abe sisigidi, nezigidi abelishumi yezigidi.

Abamameli: Haribol! Jaya!

Prabhupada: Ngoko ke aku zunqaba ziatshariya, nabantu bazokukuyiva iKrishna Khonshiyasinesi kalula. Yenza ke lo mbutho. Uze ungabi nekratshi kodwa. Landela imiyalelo ye-atshariya uzame ukuba ngumntu ofezekileyo. Kuzotsho kubelula ukulwa i-māyā. Ewe. Ii-atshariya zibhengeza imfazwe nemisebenzi ka- māyā.