XH/Prabhupada 0005 - Prabhupada's Life In 3 Minutes



Interview -- September 24, 1968, Seattle

Intatheli: Ungathanda ukundixelela kancinci ngemvelaphi yakho? Apho wafunda khona, ukuba waba ngumlandeli ka-Kṛṣṇa njani.

Prabhupāda: Ndazalwa ndafunda e-Calcutta. I-Calcutta likhaya lam. Ndazalwa ngo 1896, ndingoyena othandwayo ngutata, ngoko ke ukufundswa kwam kwaqala emva kwethuba, kodwa, ndafunda kwibanga eliphezulu iminyaka esibhozo. Kwibanga labancinci, iminyaka emine, elabadala, iminyaka esibhozo, nasekholeji, iminyaka emine. Ndatsho ndadibana nemvukelo ka-Gandhi, imvukelo yesizwe. Kodwa ngenceba ndaadibana ne-Guru Mahārāja yam, umfundisi wezomoya ngo 1922. Usukela ngoko, ndaziva nditsalekile kolulandelwano, ndaye ndibuyeka ubomi bekhaya Ndaatshata ngo1918 ndisekunyaka wam wesithathu ekholijini. Ndafumana abantwana bam. Ndandineshishini. Ndatsho ndabuyeka ubomi bekhaya nosapho ngo1954. Iminyaka emine ndayihlala ndodwa, ngaphandle kosapho. Ndatsho ndathatha ubomi bobufundisi ngo 1959. Ndazinikela ekubhaleni iincwadi. Upapasho lam lokuqala laphuma ngo 1962, xa ndineencwadi ezintathu, ndathabathela ukuza kwilizwe lakho ngo 1965 ndafika apha kweyoMsintsi ngo 1955. Usukela ngoko, ndizama ukushumayela le-Kṛṣṇa khonshiyasinesi eMelika, eKhanadha, kunye nakumazwe aseYurophi. Nemibindi yethu iye ikhula. Kunye nabalandeli baye besanda. Mandibone ukuba kuza kwenzeka ntoni.

Intatheli: Wena waabangumlandeli njani? Wawuyintoni, okanye wawusenzantoni phambi kokuba ube ngumlandeli?

Prabhupāda: Oku sele ndikutshilo, ukholo. Omnye umhlobo wam, waandinyanzela ukuya kubona umkhokheli wam wezomoya. Ndathi xa ndithethile naye umkhokheli wam, ndabambeka. Usukela ngoko, zaqala apho izinto.