XH/Prabhupada 0009 - The Thief Who Became A Devotee



Lecture on SB 1.2.12 -- Los Angeles, August 15, 1972

U-Kṛṣṇa uthi kwi- Bhagavad-gītā: (BG 7.25) nāhaṁ prakāśaḥ sarvasya yoga-māyā-samāvṛtaḥ "Andibonakali kubantu bonke. Yogamāyā, i-yogamāyā indogqumile." Ngoko ke uye umbone njani uThixo? Kodwa oku kusa kuyenzeka, uba "Ungandibonisa uThixo? Umbonile na uThixo?" UThixo sele eyinto nje yokudlala ngoku. "Nanku uThixo. UnguThixo." (BG 7.15) Na māṁ duṣkṛtino mūḍhāḥ prapadyante narādhamāḥ Ngaboni, izibhanxa, abona baphantsi abona absemazantsi ebantwini bonke. Babuza njalo: "Ungandibonisa uThixo?" Mfanelo' ni onayo wena, uba ungade ubone uThixo? Nantsi imfanelo. Yintoni yona? Tac chraddadhānā munayaḥ. Kufanele umntu kuqala abenokholo. Akholwe. Śraddadhānāḥ. Kufanele abenolangazelelo lokubona uThixo. Hhayi ukurhala nje, into engahhoyekanga, "Ungandibonisa uThixo?" Imilingo, ngathi uThixo bubugqi. Hayi. Kufanele ubelukhuni: "Ewe, uba ukhona uThixo.... Simbonile, sixelelwe ngoThixo. Ngoku kunyanzeleke ndimbone." Kukhona ibali elicacisa oku. Linemiyalelo; zama ukulivisisa. Enye incutshe yayicacisa nge-Bhāgavata, ichaza ukuba u-Kṛṣṇa, ehombiswe kakuhle ngamatye anqabileyo, waathunywa ehlathini ukuba akhaphele iinkomo. Ngoku kwakukho isela kule ndibano. Waye wacinga ukuba "Kutheni ke ndingayi e-Vṛndāvana ndigebenge le nkwenkwe? Usehlathini namatye anqabileyo kangaka. Ndingaya pha ndimbambe, ndithathe onke amatye akhe." Yayiyinjongo yakhe leyo. Waye zimisele ucinga "Kunyanzelekile ndifumane lenkwenkwe. Ukuze ngosuku olunye kuphela ndibesisityebi samagidi. Amatye anqabileyo amaninzi kangaka. Hhayi." Watsho ke waya pha, kodwa imfanelo yakhe yaye yokuba "Mandibone u-Kṛṣṇa, kunyanzelekile ndimbone u-Kṛṣṇa." Lo mnqweno, olo langazelelo, kwenza ukuba akwazi ukubona u-Kṛṣṇa e-Vṛndāvana. Waabona u-Kṛṣṇa njengoba wayexelelwa ngumfundi we- Bhāgavata Watsho wabona ukuba, "Uyinkwenkwana evuyisayo, Kṛṣṇa." Waye waqalisa wancoma. Wayecinga ukuba, "Ngokuncoma ndiyakuthatha lamatye exabiso akhe." Watsho ke xa eveza inyaniso yokuza kwakhe, "Ndingathatha amtye amngaphi kula akho mahle? Unobutyebi kakhulu." Hhayi, hhayi, hhayi. Umama uya kucaphuka. Andinaku kwazi...." Watsho u-Kṛṣṇa ngathi ngumntwana. Ngoko, isela laye lilalangazelelela u- Kṛṣṇa kakhulu. Wade.... Ngentlangano no- Kṛṣṇa, waye wazifumana sele emsulwa. Ekugqibeleni, u-Kṛṣṇa wathi, "hhayi ke, ungathatha." Watsho waba ngumlandeli ngoko nangoko. Ngenxa yendibano no-Kṛṣṇa....

Nathi nganayiphi inhlobo, kufanele sidibane naye u- Kṛṣṇa. Nangayiphi na innhlobo. Nathi siza kubamsulwa.