XH/Prabhupada 0010 - Don't Try To Imitate Krishna



Lecture on SB 7.9.9 -- Mayapur, February 16, 1976

U-Kṛṣṇa... aba bafazi bangamawaka alishumi anesithandathu, babevelaphi? Uyalazi ibali, uba iintombi ezinhle, amawaka alishumi anesithandathu yeentombi ezintle, iintombi zenkosi zeebiwa lirhamncwa. Yayingubani igama yeli rhamncwa? Bhaumāsura, andithi? Ewe. Ezi ntombi zaathandaza ku-Kṛṣṇa besithi "Siyahlupheka, sibiwe lelirhamncwa. Siyacela usisindise." Watsho ke u- Kṛṣṇa weza wazobanceda, irhamncwa uBhaumāsura wabulawa batsho bakhululeka. Kodwa emva kokuba bekhululekile bahlala bema pha. Waabuza u-Kṛṣṇa, "Ningagoduka ngoku niphindele kuBawo." Bathi "Sebiwe, asinakukwazi ukutshatiswa." ENdiya usekhona lo mthetho. Uba intombi, intombi esencinane, iyalishiya ikhaya noba lusuku olunye okanye ezimbini, akhomntu ongamtshata. Akhomntu oza kumtshata. Uthathwa ngokuba umoshakele. Iseyinqubo le eNdiya. Ngoko ke ezintombi zazithathiwe iminyaka eninzi, ngokho zacenga ku-Kṛṣṇa zathi "Asinakuvunywa ngubawo, asinakunyelwa nokuba sitshathe kwakho." Ngoko u-Kṛṣṇa waqonda ukuba "imeko abakuyo inobungozi. Nangona bekhululekile, abanakuya naphi na." Ngoko ke u-Kṛṣṇa...unobubele, bhakta-vatsala. Wababuza ukuba, "Nifuna ntoni?" Bathi kuye, "Sivume. Ngaphandle kwakho asinakuphila." Ngoko nangoko u-Kṛṣṇa wavuma: "Yizani." Ngu-Kṛṣṇa lona. Futhi babengaqokelelekanga ndawo nye abafazi bakhe abaliwaka elishumi nesithandathu. Kwangoko nangoko wabakhela amabhotwe aliwaka lamashumi anesithandathu. Kuba wabavuma njengabafazi bakhe, kwanyanzeleka abondle njengabafazi, njengenkosikazi, hhayi ukuba "Kuba abanayo enye indawo baze kum. Ngoko ke ndingabaphatha nakanjani." Hhayi. Njengenhlonelo yenkosikazi, inkosikazi ka-Kṛṣṇa. Waphinde waqonda ukuba "Abafazi abangamawaka alishumi anesithandathu... Ukuba ndimnye, abanakukwazi ukudibana nam bonke. Bonke kwakunyanzeleka balinde instuku ezingamawaka alishumi anesithandathu. Hhayi." Wazandisa naye waba nemizimba eyiliwaka alishumi anesithandathu. Ngu-Kṛṣṇa lo. Izibhanxa, zityhola u-Kṛṣṇa zithi ngumzingeli wabafazi. Akufani nawe. Akunakukwazi wena ukondla omnye umfazi, kodwa Yena wondla abafazi abangamawaka alishumi elinesithandathu namabothwe angamawaka alishumi nesithandathu naye wazandisa waba nemizimba engamawaka alishumi anesithandathu. Wonke umntu wonwaba. Ngu-Kṛṣṇa lo. Kunyanzelekile zimqonde u-Kṛṣṇa. Musa ukuzama ukuzenza u-Kṛṣṇa. Qala nje uzame ukuqonda u-Kṛṣṇa.